

UMdu uthi waphenjelelwa ngumculo kaQuincy Jones, okaBabyface nokaKeith Sweat. Yena ungumd!all wekeyboard, uzifundele umculo kwaye ngumakhulu wakhe umntu owaqala wamfundisa uhadi
Yintoni Eyenza UMdu
Athandwe?
e



42 BONA XHOSA - May 1 996
	uBONGANI	     USduma?
NGABA UYAQALA UKUCULA 


Ngokuqinisekileyo akaqali! UJoe Mafela wacula ukusukela ngo-1959 ukuya ku-963, ecula kumdlalo weqonga onomculo othi Mzumba awancedisana noSolomon Gundane ukuwuvelisa. UMafela ukhe wacula noGideon Nxumalo ongasekhoyo, ujimmy Sabe kunye
nongasekhoyo uAlmon Memela.
U
 MFO odume ngelika-Sdumo kubathandi bakamabonakude uvelise ingoma ethi Sangoma elungiselelwe iGold Reef City
Dancers.
Ukhe wacula ingoma yomdlalo othi Gone For Villians kwaye wasebenza noRichard Roundtree noRichard Harris kumdlalo othi Shout At The Devil, othi Freedom Fighters, othi The Aed Scorpion nomdlalo kaTVl othi She.
lcwecwe lakhe lamvanje elithi Shebeleza, likhutshwe ukuze lihambisane nemidlalo yefayinali yeAfrica Cup of Nations ngoJanuwari walo nyaka, yingoma enesingqi sesintu enomngqungqo. Kutheni ingoma enjalo kubudala bakhe?
Ndifuna ukufundisa abathandi bomculo. Umculo wam ugubhulula iingcambu zethu. Ngumboniso wembali yethu lo, utsho uMafela.









kubhale uBONGAM HLATSHWAYO
kwafota uTHEMBA NKOSI

I
NTO awayechitha ixesha ngayo uMdu
iphele ngoku seyingumsebenzi wakhe
Ulingise uPat Shange, uChicco, uYvonne Chaka Chaka, uWilliam Mthethwa iEbony, iCJB kunye neChimora.
Wayila iqela iMM De Luxe ekunye noMandla Mofokeng weTrompies ngo1988. Ngenxa yokoyika amehlo wasebenza neemvumi ezininzi.
Nangona kunjalo, ngobunye ubusuku ngo-1994 waba nomnqweno wokuba necwecwe elilelakhe. Ukhuphe icwecwe elithi Tsiki-Tsiki eiiye yathandwa kakhulu
yaba sisiqalo sezinto ezinkulu eso. Kungokunje unamacwecwe amabini
athengwa kakhulu elithi Yu 4 Me nelithi Mashamplan eliphambanise abantu ezilokishini.
UMdu unenkampani ekuthiwa yiMD Productions. Ngaba iyintoni iminqweno yakhe? Ukuba nombhalo wamacwecwe wakhe nenkampani yakhe yokushicilela amacwecwe.
